Ukuvuka Kwam Ekufeni. Thembelani Ngenelwa. Скачать в формате fb2, epub, doc, txt. Newlib. NEWLIB.NET

Ukuvuka Kwam Ekufeni - Thembelani Ngenelwa

Автор: Thembelani Ngenelwa
Издательство: Ingram
Серия:
Жанр произведения: Биографии и Мемуары
Год издания: 0
isbn: 9780795703645

NgoLwesithathu, umhla wokuqala kuOktobha 2003, ityendyana lomfana elalinxibe ibhatyana eluhlaza enkone ligazi lalilele kufutshane nebhulorho kaloliwe eGermiston, lisifa. Igazi lalo lalinkcenkceza ngokomjelo ukunqumla indlela, amathemba ephelile. Umzimba wawudlaka-dlaka ziimbumbulu – iimbumbulu ezintlanu umdubuli awazikhulula ekufutshane kakhulu kuye. Zazibumkarha iingqondo ngexesha lizama ukumisa izithuthi ezidlulayo, kodwa zange kubekho nasinye esaba nenceba. Zazidlula zonke zizizipheke-pheke, zimshiya loo mfana esopha enjalo. NdinguThembelani Ngenelwa. Yayindim lowo. Eli libali lokwenzekayo.